Sihlalo, xa uMphathiswa ethetha ngalo mcimbi womnathazwe ndinethemba lokuba uyayazi into yokuba phaya kum elalini eQolombana kuTsolo azikho iikhompyutha. Loo nto ke ithetha ukuba abantu abakwindawo ezisemaphandleni abasayi kukhawuleza bayixele ingxaki enje ngale. Kanti ke, imicimbi yamanyala nemiboniso bhanya-bhanya evela koomabonakude nakwiselula yinto echaphazela wonke umntu kwaye ekufuneka siyiqwalasele.
Ndifuna ukuqonda ke ukuba siyibeka esweni njani into yokuba lo mnathazwe uyabakhusela abantwana kwaye zidandalaziswa kakuhle zonke ezi zinto. Kwaye siza kubona njani ukuba abantwana bakhuseleka ngokwenene kwizinto ezifana nezi. Enkosi kakhulu.