Ndiyarhalela ke ukuba ndikhe ndirhabulise kancinci malunga nalo mcimbi wezinto ezilulutho kunye namatyala. Njengorhulumente okhokelwa yi-ANC kufuneka siyithethe singenazintloni into yokuba xa sithetha ngempahla karhulumente siqala apha emntwini lo kanye ulapha ngaphakathi esebeni. Umntu, okokuqala, ubalulutho xa efuna ukusebenza azijule ijacu emsebenzini wakhe. Kodwa kwalo mntu mnye xa elivila, elinqenerha, erhwaphi liza, uphela elityala, abe luxanduva kulo rhulumente.