We were not invited.
... abeAzapo babekhona. Wonke umntu wayemenyiwe. Siyabulela ngokuthatha kwenu inxaxheba.
Siye saba neentlanganiso njengoko uMongameli ebethe masibonane. Eyokuqala ibi kweyoKwindla, eyesibini ibikwekaTshazimpuzi. Zonke iinkokheli zamaqela opolitiko zithabathe inxaxheba kakuhle kakhulu kwaye igalelo lazo liqatshelwe kwaye libelulutho kakhulu.
Kodwa ke okuye kwasiphoxa, Mongameli, kukuba sibone iPAC apha kwaLanga isenza into engakhange isonwabise. Andazi nokuba kuloo nomgogwana babenawo kwakusiliwa ngezitulo okanye kwakusiliwa ngantoni na. Kodwa ke into esayibukelayo kukuba kwakungumbhodamo ... [Uwelewele.] ... sikude ke phofu. Yayinguphantsi phezulu, umntu esithi sisitulo sam nomnye esithi sesam esi situlo.
Ndikhumbula ukuba nangoSuku lweNkululeko akubanga kuhle sibona uMama uZille ehamba nesithandwa sakhe eConstitution Hill noxa babemenyiwe njengoko kwakumenywe yonke imibutho yopolitiko. Ndicinga ukuba zizinto ezinjalo ezithi zahlule isizwe. Ezi mini ayizomini zokufumana amanqaku opolitiko, ziimini ezingokwakhiwa kwesizwe ... (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[... representatives from Azapo were also present. Everybody was invited. We thank you for taking part in the commemoration. We had a meeting as the President had suggested. The first meeting was held in March and the second one in April. All the leaders of the different political parties participated in a fruitful manner and their contributions were not only noted but were also valuable.
However, what disappointed us, President, was seeing the PAC at KwaLanga engaging in an incident that was disturbing to us. I do not know whether they were fighting with chairs in their unrecognised and illegitimate gathering. But, what we saw was chaos ... [Interjections.] ... and we were at arm's length. It was upside down, with one person claiming that a particular chair was his and another one also claiming ownership.
I remember that on Freedom Day it was not a beautiful sight to see Mrs Zille and her partner walking hand in hand at Constitution Hill even though they were invited like all political parties. I think it is incidents like these that divide the nation. These days are not for scoring cheap political points, but are days earmarked for nation-building ...]
... and putting South Africa first. [Interjections.] I also want to say that is irrelevant. [Interjections.]