Sihlalo wale Ndlu ihloniphekileyo, Mphathiswa wezeMidlalo noLonwabo, uThahla ka Ndayeni, uZelekazi, ... [Chairperson of this august House, Minister of Sport and Recreation, Thahla the son of Ndayeni, Zelekazi...]
... Adjunkminister agb mnr Gert Oosthuizen ... [... Deputy Minister hon Mr Gert Oosthuizen ...]
... amalungu onke ale Ndlu yoWiso-Mthetho abekekileyo, zindwendwe neengcungcu ezilapha namhlanje, ndiyanikhahlela. Le nyanga yinyanga ebalulekileyo ezimbalini zeli zoMzantsi Afrika. Isizathu kukuba le nyanga kaTshazimpuzi yinyanga yokuhlonipha amaqhawe alwele le nkululeko. Yinyanga ezise inkululeko kweli loMzantsi Afrika, ingakumbi umhla wama-27 kuTshazimpuzi. Le yinyanga ekusele iintsuku ezingama-49 ukuze siqale imidlalo yebhola ekhatywayo yehlabathi ye-Fifa.
Lo mhla ubalulekile kuba kaloku sithetha ngoHlahlo lwaBiwo-Mali lweSebe lezeMidlalo noLonwabo ukuze kuphuculwe ubomi babantu, omhlophe nomnyama; ingakumbi abantu abangathathi ntweni, impula zikalujaca. Oko kubangwa yinto yokuba apha kwi-ANC asithethi ngezemidlalo zentlanga ngentlanga; sithetha ngezemidlalo ezingenabuhlanga. Ilifa lezemidlalo zentlanga ngentlanga yayisenza ukuba masohlukane ngobuni.
Ndizakuzathuza ndidalance kwiingongoma ezimbalwa ukuze kuvokotheke kwabamameleyo. Phambi kokuba ndihlomle, singumbutho we-ANC siyaluxhasa olu Hlahlo lwaBiwo-Mali lweli Sebe lezeMidlalo noLonwabo. Ndimvile umhlobo wam olishiyayo eli gumbi, utat' uDlamini. Ndiyabona ufunde nto apha kwi-ANC kuba ndimboleke le ncwadi. Kodwa ndiyathemba ukuba akasuselwa into yokuba ndimrhabulise ngale ncwadi. [Kwahlekwa.]
Sihlalo obekekileyo mandincome ndityibele eli Sebe lezeMidlalo nezoLonwabo xa lithe lakhuthaza yonke imibutho yezemidlalo ukuba mayiququzele phantsi kophawu olunye loMzantsi Afrika i-Protea. I-Protea ide yafakwa kwicala elilungileyo kwizinxibo zebhola ekhatywayo. Sivuyisana nani ngobunkokheli. [Kwaqhwatywa.]
Kumqolo wama-79 phaya kwizigqibo zale ncwadi kuthethwa ngomcimbi we-MIG. Ndicinga ukuba izithethi zithethe kangangoko ngalo mba ngoko ke andizokuwuphinda. Into eseleyo nje kweli sebe kukuhlola ukuba ingaba imali esiyinika la maphondo iyayenza kusini na le nto ifunekayo ukuze angasokolisi iSebe lezeMidlalo noLonwabo likaZwelonke. Kaloku lo mcimbi awukho apha kulo mgangatho kazwelonke, uphaya emaphondweni nakoomasipala. Ingxaki ekhoyo kukuba i-15% yale-MIG iyanikezelwa koomasipala suke oomasipala, ngenxa yoxinizelelo abanalo, bayithathe bayise kwezinye iindawo ekufuneka imali kuzo. Umzekelo, bayisa kulwakhiwo lwezindlu kuba kaloku kutshiswa amatayala phandl' apha. Itsho ke loo nto ibangele ukuba ingaphuhliseki le yezemidlalo, kungabikho mabala okudlala.
Okwesibini besinomnqweno wokuba oomasipala basincedise. Okunye kukuba eli sebe apha kundlunkulu lithumele izijoli phaya ezantsi ziye kuqonda ukuba le mali sibanika yona iyakwenza na ekumele ikwenze. Akungencedi nto ukuba uMphathiswa aphathe iingxowa ezilithoba ngokulingene namasebe alithoba anikeze ngazo aze angazi ukuba kwenzeka ntoni na. Loo nto yenza ukuba uMphicothi-zincwadi-Jikelele abhale ingxelo engeyiyo ngeli sebe. Ngako oko ke sithi lufuneka ngamandla uhlolo.
Okulandelayo, uMongangameli uthi kufuneka sitshintshe, ibe ngunyaka wentshukumo. Wonke umntu kufuneka aququzele abe sisinqininqini ukwenzela ukuba izinto zenzeke. Kodwa ukuba amagosa eli sebe aza kuhlala eziofisini angenzi le nto; inene sakufana nabantu abamumatha intlabathi.
Ndikhumbula kakuhle ngexesha uMphathiswa engekabililo iLungu lePalamente, ekhokele umzabalazo phantsi kwe-UDF kwingingqi yeBhoda, wakhe wakhokela ukwayo lwezemidlalo enamandla gqitha. Ndifuna loo mandla ngoku awasebenzise ekuqubisaneni naloo magosa angasebenziyo. [Kwahlekwa.] Ndiyakwazi Mphathiswa ukuba akulogwala kweloo cala. [Kwahlekwa.] Sikuqaphele ukuba kule minyaka imbalwa idlulileyo abantu bethu basesengxakini njengoko besenditshilo, ngoko ke masibancedise. Nathi siyajikeleza kwiindawo esihlala kuzo kwaye siza kuyinikeza ingxelo yokuba izinto azenzeki ngokubhekisele kwi-MIG.
Kutshanje besikhe saneengxoxo nomongameli we-Sascoc, uGideon Sam, othe wasixelela ukuba kumaphondo olithoba izixhobo eziluncedo zezemidlalo zigcinwe ezindlini azisetyenziswa. Sithe kuye uza kusithatha aye kusibonisa apho yenzeka khona le nto. UMnu Gideon Sam ude wabalula nomcimbi waseLusisiki. Sisajonge ukuba sindwendwele apho siye kujonga ukuba le nto yokuba kukho izixhobo eziluncedo kwezemidlalo ezigcinwe kumagumbi okugcina izinto agcwelwe ukuya kuma ngophahla injalo kusini na kwaye yenzeka phi. Ukuba sifumanise ukuba kunjalo; yiva ndikuxelela, ndikufungisa amaHegeba!
Enye ingongoma esinika ixhala ngulo mba wemvumelwano ephakathi koomasipala neemanyano zemibutho. Kwezi mvumelwano kwenziwa izigqibo zokunikezela ngemvume yokusetyenziswa kwamabala amele ukulawulwa ngoomasipala kwiimanyano zemibutho isithuba esiyiminyaka engama-99. Loo nto idala ukuba abantu bethu bangakwazi ukudlala imidlalo efanelekileyo kulo mabala kuba la mabala aye alawulwe ziimanyano zemibutho. Umzekelo, le nto yenzeke apha eFreystata indawo kasihlalo okanye ukapteni; izinto zenzeka phantsi kwempumlo yakhe. [Kwahlekwa.] Siyacela ukuba xa oomasipala bengena kwizivumelwano masiwuqwalasele lo mcimbi ukwenzela ukuba abantu bethu babenakho ukudlala.
Okokugqibela, Mphathiswa mandikuncome, kodwa uwedwa akunakho ukuyenza yonke le nto. Ndiyavuma ukuba ngemalana onayo uyayinceda imibutho kwindawo esihlala kuzo xa yenze izicelo. Ndikhumbula xa wawungenelela kumnyhadala wezemidlalo owawuseDikeni. Nakwezinye indawo uyayenza loo nto. Kodwa ukuba amaphondo awakwazi ukuthi enze ntoni ngale mali, inene aza kusihlisa isidima sakho ngokokulawula. Ndicela siqinise izihlahla, singagevezeli amadolo.
Ndizakuhlala phantsi ngelithi iMpuma Koloni iyakhala ngomcimbi we- franchise; kumaxa sindawoni na kuwo. Ngexesha owawukhe wasindwendwela ngalo wathi masilungise indlu yethu kubekho ulawulo olululo. Ndicela impendulo. Enkosi. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[... all hon members of this National Assembly, visitors and distinguished guests, I salute you. This month is important in the history of South Africa. The reason for that is, this month of April is a month to honour the heroes who fought for this freedom. It is a month that has brought about freedom in South Africa, especially 27 April. This month marks the 49- day countdown before the commencement of the Fifa Soccer World Cup.
Today is important because we are debating the budget of the Department of Sport and Recreation in order to improve the lives of the people, white and black, especially people who are disadvantaged, the poorest of the poor. This is caused by the fact that in the ANC we do not speak about multiracial sport, but about nonracial sport. Our multiracial sport heritage divided us along the lines of race.
I will comment, reason and analyse a few topics so that the listeners will be satisfied. Before I continue, we, the ANC, support this Budget Vote of the Department of Sport and Recreation. I heard my friend, Mr Dhlamini will be leaving this House. I see that he has learned something from the ANC because I lent him this book. But, I hope that he is not being reshuffled because I lent him the book. [Laughter.]
Hon Chairperson, let me commend this Department of Sport and Recreation for encouraging all sports bodies to organise under one South African national symbol, the Protea. The Protea has eventually been embroidered on the correct side of the soccer jerseys. We congratulate you on your leadership. [Applause.]
In line 79 of this book, in the decisions and resolutions, reference is made to the municipal infrastructure grant, MIG. I think the speakers have said much about this issue so I will not repeat it. What is left in this department is to evaluate whether the funds allocated to the provinces are spent effectively so that their expenditure is not detrimental to the national department. This issue is not on the level of the national government but on that of the provinces and municipalities. The existing problem is that 15% of the MIG is allocated to municipalities and then they, because of the pressure exerted upon them, transfer the funds to other municipal services that need the money. For example, they transfer it to the construction of housing because residents are protesting and burning tyres. That leads to the underdevelopment of sport with the detrimental effect that there are no playing grounds.
Secondly, we wish that the municipalities would assist us. The other option is for this national department to send investigators to investigate whether the funds allocated are spent appropriately. It does not help for the Minister to carry nine bags full of money which will be equally distributed to nine departments, but he does not know how the money is spent. That gives rise to the Auditor-General writing a negative report about the department. We are therefore saying that strict monitoring is needed.
Thirdly, the President said we must change; this year is the year of action. Everyone must be busy and diligent so that things can happen. But if the officials of the department sit in their offices and do not do what they are supposed to do, indeed we will be like people with sand in their mouths.
I remember well when the Minister, not yet a Member of Parliament, was leading the struggle under the banner of the UDF in the Border region. He once led a boycott against sport. Now, I want him to utilise that energy in dealing with the inefficient officials. [Laughter.] I know, Minister, that you are not a coward. [Laughter.] We will note that in the recent past our people have been in trouble as I have mentioned, therefore we must assist them. We must also go around in areas where we live and report that things are not happening according to the MIG.
Recently we had a meeting with the president of Sascoc, Gideon Sam, who told us that in the nine provinces sports equipment is being kept in storerooms and is not utilised. We asked him to take us and show us where this is happening. Mr Gideon Sam even referred to the state of affairs at Lusikisiki. We will be visiting that place to find out whether there is really sports equipment which is supposed to be helping in sport but is kept in the storerooms; from the floor to the ceiling. We want to see if that is really happening and where it is happening. If we find such a situation, I swear to the Hegeba clan!
One other topic that worries us is the issue of contracts between the municipalities and federations. In these contracts, decisions and resolutions are made giving federation permission to utilise playgrounds which are supposed to be managed by the municipality by way of a 99-year lease. That creates a situation in which our people cannot play appropriate sport in those playgrounds because they are managed by the federations. For example, this has happened in the Free State where the chairperson resides; things are just happening under his nose. [Laughter.] We appeal to municipalities that when they enter into contracts they must consider this issue so that our people can play in those playgrounds.
Lastly, Minister, let me commend you, but you cannot do all this alone. I agree that with the small amount that you have, you do assist organisations when they make a request for funding. I remember when you intervened in the sports festival in Alice. You do that in other places as well. But if the provinces do not know what to do with the money, indeed they will have no confidence in you as far as management is concerned. I appeal to you to be strong and work hard. I shall conclude by saying the Eastern Cape is complaining about the issue of franchising; where are we with regard to it now? When you visited us you said we must get our house in order by establishing proper management. I would like a response. Thank you. [Applause.]]