Ngoko ke sicela ukuba ubathume, ubaxelele ukuba bajonge ukuba ingaba inaso kusini na isiqinisekiso sokuba msulwa ngokubhekiselele kwirhafu. [Laphela ixesha.]
UMONGAMELI WESIZWE: Somlomo, ndicinga ukuba le nto isabuyela kwakulaa nto bendiyithethile ukuba maluze ngaphambili olu lwazi. Ukuba bendinokuthi ndithumele abasebenzi bam rhoqo xa kuthe kwathethwa nokuba yintoni nokuba kuphi na ngamaphepha, loo nto ingathetha ukuba bangaligqiba lonke eli lizwe behamba befunana namahem-hem. [Kwahlekwa.] Maluze ulwazi olucacileyo; ndakululandela kwaye ndiluphande xa luzile. Ndiyabulela. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr B H HOLOMISA: Therefore we request you to send them and tell them to ascertain whether it has tax clearance certificates or not. [Time expired.]