Sekela Somlomo wale Ndlu yoWiso-mthetho, namhlanje yimini yembali enkulu kweli loMzantsi Afrika kwicala lezemidlalo nolonwabo. Sishukumisa amathambo abantu ababesaya kudlala imidlalo ngokubanzi. Ndithetha ngamadoda namankazana afana nooTata uDan Qeqe, indoda eyayisaziwa kakhulu eyayidlala indawo esembindini apha e-Oudtshoorn, uTat'uTolly Andrew Grootboom, ngaloo minyaka. OoBra Dabs, aph' eKapa, oo-Ace Ntsoelengoe, oo Peter Mkatha nooLesoro. Ndicinga ukuba amathambo abo ayashukuma namhlanje xa sisenza inguqu, siphucula ubomi babantu kwezemidlalo.
Athi amakhumsha "Give us the tools and we will finish the job." Kwakha kwatsho umphathi xa wayejongene nemfazwe ngeloo xesha. NgesiXhosa ke sithi: "Sinike izixhobo siwugqibezele lo msebenzi." Namhlanje sibhala enye imbali ngokuthi siphumeze umthetho ojongene nokhuseleko kwezemidlalo nolonwabo kweli lokhokho bethu, kuba sigxile kulaa mqulu wombutho othandekayo kweli loMzantsi Afrika, i-ANC, uMqulu weNkululeko. Phaya kukho umqolo othetha ngokhuseleko: "Abantu baya kuhlala ngoxolo bekhuselekile." Lo Mthetho ke ungena apho.
IMithetho esiyiqulunqayo kule Ndlu yoWiso-mthetho ijongene nokubuyisa isidima kunye nesihomo sethu kwezemidlalo, kulinganwe xa kusenziwa izinto kweli lizwe lethu. Ngoko ke, xa sijongene nezemidlalo, kuza kufuneka ukuba oomasipala basekhaya baqiniseke ukuba apho kukho khona amabala okudlala loo mabala akulungele ukusingatha loo midlalo, phambi kokutyikitya isiqinisekiso sokuba elo bala lisemgangathweni. Zikhona ke izinto ezijongwayo ukuze ibala libe semgangathweni. Ngalo lonke ixesha ibala ngalinye siyalazi ukuba kufuneka linamasango amabini, akunakubakho isango elinye, kungenjalo kuyakuba yintlekele embi xa kunokwehla isehlo. Kufuneka kubekho izixhobo zokucima umlilo kwelo bala nezinye izinto esele zikhankanyiwe apha.
Okwesibini, elo bala lezemidlalo kufuneka limana lihlaziya amaphepha-mvume okuququzelela loo midlalo, ukuqinisekisa ukuba lisenakho ukuyisingatha zingaphelanga iintsuku ezingama-30 phaya koorhulumente basekhaya. Amabala ezemidlalo akhiweyo okanye amatsha kufuneka angqamane nemigaqo-siseko yokhuseleko, kwaye abe nazo neendawo zokusebenzisana nabantu boncedo lokuqala.
Xa kuza kubakho imidlalo eza kuginya imithamo emikhulu, ekukrokreleka ukuba abantu baza kuphuma babe yinyambalala, abaququzeleli kufuneka badibane nomKomishinala wamaPolisa oMzantsi Afrika ukwenzela ukuba azanelise ukuba imigaqo yokhuseleko ifikelelwe. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr L SUKA: Deputy Speaker of the National Assembly, today is a historic day in South Africa with regard to sport and recreation. We are remembering people who used to play various kinds of sport. I am speaking about men and women such as Dan Qeqe, a well-known man who used to play centre in Oudtshoorn in those years, and Tolly Andrew Grootboom. I'm also referring to men such as Dabs, here in Cape Town, Ace Ntsoelengoe, Peter Mkata and Lesoro. I think today they are turning in their graves when we are making changes, improving the lives of our people with regard to sport.
The English-speaking say: "Give us the tools and we will finish the job." This was once said by a general who was waging war at the time. "Give us the tools; we will finish the job." Today we are writing history by promulgating the law which provides for safety in sport and recreation in the land of our forefathers. We are focusing on the charter of the popular organisation in South Africa, the ANC, and that is the Freedom Charter. In it there is a line that refers to safety: "People shall live in peace and safety." This Act is therefore relevant.
The Acts that we promulgate in this National Assembly are for the purpose of restoring our dignity in sport, so that we are equal when we engage in sporting activities in our country. Therefore, when dealing with sport, the municipalities must ensure that the stadia meet the criteria for hosting such matches, before they can be certified. There is a set of criteria that a stadium must meet. There should be two entrances at all times - there simply cannot only be one entrance, otherwise there will be a disaster should anything happen. There must also be fire extinguishers in the stadium, and there are other requirements that have already been mentioned.
Secondly, the permit of the stadium must be renewed, to ensure that it can still host such matches within 30 days. The newly built stadia must satisfy all safety guidelines, and they must also have facilities for emergency personnel.
When big matches are hosted where many people are expected to attend, the organisers must consult the South African Police Commissioner so that he can also satisfy himself that all safety guidelines have been met.]
The South African community needs to remember that on various occasions lives have been lost through no observance of safety measures in major events. A glaring case in point is the Ellis Park disaster; I think this has been said loud and clear. Ngoko ke lo Mthetho ujongene nokuncedisana nabaququzeleli kunye nabaxhasi ukuze baziqaphele ntlangothi-mbini izimo zabo. Kungoko kubalulekile ukuba le Ndlu yoWiso-mthetho iwamkele lo Mthetho ngezandla ezingenamikhinkqi. (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[This Bill, therefore, seeks to address both the organisers and the fans so that they can be aware of their conduct. That is why it is important that the National Assembly passes this Bill without delay.]
The other area that we need to pay attention to is the application of this legislation, which needs to be monitored very closely, so that it is not used to the advantage of big, well-established event management service providers at the expense of our SMMEs.
Amashishini asakhasayo kuza kufuneka ejongiwe ngulo Mthetho ukwenzela ukuba ingabi nguMthetho oza kuhluthisa okanye oza kuncedana nabo sele bekwazi ukuzimela. (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[This legislation must also take into consideration small businesses, so that it does not become legislation that provides for, or assists, only big and independent businesses.]
In the case of amateur sporting activities, it is also clear that for the sports bodies and organisers to rise to the dictates of this Bill, all three spheres of government shall have to make available resources or enough funding to meet the standards that are required by this Bill.
The co-operation between the private security personnel and the state security agencies will have to improve in communicating the same message to the public. In this regard, the functions of event safety and security planning are clearly defined.
Akukho mntu uza kuyabula ke okanye athi elapha abe ephaya adlale indima engeyoyakhe. Elowo umntu unendawo ekufuneka ehlakule kuyo, kucace ukuba kubhekwa phi na, kodwa inye indoda ephetheyo yinational commissioner yeli lizwe.
Malungu ale Ndlu yoWiso-mthetho, njengorhulumente obaxabisileyo abantu besizwe nobomi babo kuyacaca ukuba kuyimfuneko engxamisekileyo ukuba siwuphumeze lo Mthetho sisonke, ize onke amasebe aseburhulumenteni abe zizinqininqini ekujongeni ukuba lo Mthetho uyaziwa ngabantu. Phofu ukhokelwe liSebe lezeMidlalo noLonwabo, kungabikho mntu uya kuthi thwanga okanye xa kufuneka ethethile athethe upahaha endaweni ka tyihoho.
Ze sikhumbule amazwi kaMongameli athi: "Kuza kufuneka sigxanye sisebenze ngamandla ekuziseni iinkonzo ebantwini bethu." Kungoko ndisithi singumbutho wesizwe siyawamkela lo Mthetho ngezandla ezingenamkhinkqi. Enkosi. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[No one is going to be loitering or playing someone else's role. Each person must play his specific role, so that we are able to see progress, but there is only one man who is in charge, and that is the national commissioner of this country.
Members of this National Assembly, as a government that values the people and their lives, it is clear that there is an urgent need for us to pass this Bill, so that all departments can start to ensure that people know about it. This must, however, be led by the Department of Sport and Recreation so that no one will be confused and give irrelevant comments.
Let us remember the words of our President: "We must hurry and work diligently to deliver services to our people." That is why I am saying we, as the organisation of the nation, must accept this Bill without delay. [Applause.]]