Ndiyabulela kakhulu, Mbhexeshi oyiNtloko. Xa uthetha ngolo hlobo, uJazz usemva kwakho ngoku sithethayo. Into eza kwenzeka ke ndiyacinga ukuba kuza kufuneka sibize iimbizo zoluntu apho umntu nomntu akuthi eze ngaphambili aze kuchaza ingxaki yakhe. Loo nto iyakwenza ukuba singakhawulelani nale ngxaki yalapha ngokwamasuntswana koko sikhawulelane nayo ngokupheleleyo.