Kodwa into endifuna ukuyithetha yile yokuba kukho inkampani apha ekuthiwa yi-Empowerdex ezibiza ngokuba ingumakhonya, ingungqoshishilizi, ejonga ukusebenza kukamasipala. Ithi ke lo masipala umbaxa waseKapa usebenza kakuhle. Andikayiboni loo nto. Into endiyivileyo mna enye endiza kubiza kuyo bonke oomasipala abambaxa balapha eMzantsi Afrika sizokuthetha nabo yile yokuba imali yalo masipala umbaxa iya kubantu abadla kusale, abantu abadla izambane leponti. Abantu abahluphekileyo, iimpula zikalujaca azifumani nto.