Mhlalingaphambili, ndifunda apha kwinkokheli yam endikhokelayo uKompela ukuba ndingathetha ngesiXhosa. Umbuzo wam uthi, ingaba Sekela Mongameli ungeza nayo na ingxelo yethutyana ephuma kwikomiti eququzelayo, equka zonke ezi ndawo sithethe ngazo, ibekwe apha ePalamente ukuze siyithelekise nezithembiso esazenzayo, nokokuba siza kuziphumeza na ezo zinto? Kwicala elidibene neziseko zophuliso ezinxulumene nothutho sasithenjiswe ukuba kuya kubakho imizila kaloliwe kufuphi namabala emidlalo, kodwa ukuba ungaya kwibala lemidlalo eliseBhayi, kunzima kwa ukungena phaya ngemoto. Sifuna ingxelo yethutyana kwanokuba ngaba umgangatho wokwakhiwa wala mabala okudlala uyahambelana na nenkcitho yezi bhiliyoni. Ndiyabulela.
USEKELA MONGAMELI: Lungu elihloniphekileyo, mandibulele ke ngombuzo wakho. Ndicinga ukuba siyiKomiti yabaPhathiswa singasenza eso sithembiso sokucela le ngxelo yethutyana size nayo apha ukuze kuqwalaselwe ukuba imali ithenge le nto besifuna ukuyithenga na okanye ihle ngomlenze. [Kwahlekwa.] Enkosi. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr B H HOLOMISA: Speaker, I am taking the cue from my leader, Komphela, that I can speak in isiXhosa. My question Deputy President is, can you bring an interim report from the Local Organising Committee, including everything we have discussed to be tabled here in Parliament so that we can compare it with the promises we made and also to see if we will achieve those things?
As regards transport infrastructure, we were promised railway lines near the stadia but if you were to go to the stadium in Port Elizabeth, you would find that it is even difficult to enter with a car. We want an interim report and also to look at the standard of construction of these stadia versus the expenditure of these billions. Thank you.