Into ebalulekileyo kolu phuhliso kukuba lulawulwe zintlaka zikarhulumente; inkxaso yayo ingaphumi kwingxowa yelizwe. U-Eskom, nje ngokuba eza kukwakha, aphuhlise aqinisekise ukuba umbane uyafumaneka kwiindawo zonke, asisayi kuphinda sehlelwe sisihelegu sokuba abantu bakuthi bangabinawo umbane ngamaxesha abalulekileyo kubo. UKhongolose uhambisana kakhulu noluvo olubekwe nguMphathiswa apha kule Ndlu, lokunyuswa kwale ngxowa ejongene nophuhlisoculo lwezibonelelo zolwakhiwo kumacandelo ahlukeneyo.
Kodwa, Mphathiswa, sithi masikubeke kucace ukuba singuKhongolose sinokuncwina kakhulu kuba akucaci ncam nokuba le mali ikwaquka ukuhlaziywa kwezibonelelo zolwakhiwo ezikhoyo nezo zizaaleyo eza kusungulwa, kuquka nokuhlaziywa kwayo, kuba ethubeni ukuba asikwenzi oko kuza kufuneka ukuba siphinde sibuyele kuni size kucela inkxaso ngemali.
Siyalwamkela uphuhliso nokukhula kwenkxaso zimali kushishino loluntu oluthe kwakhula nge-15,9% kule minyaka igqithileyo nekulindeleke ukuba iphinde ixhume kunyaka ozayo iye kuma-20%. Amaziko afana no-Eskom, nje ngokuba sesitshilo, nawophehlo- mbane, oololiwe nezokubhabhaiphapho apha kweli lizwe nawo azakuxhamla kanobom kolu nyuso lwezimali. Iingcali zoqoqosho zamandulo ziyibeka icace into yokuba uphuhliso lwe zibonelelo zolwakhiwo lolona luhamba phambilidla ubhedu ekunikezeleni iinkonzo nasekuphuhlisweni koluntu ngokubanzi kwanoqoqosho.
Kungenxa yokuba izibonelelo zolwakhiwo zixandile kwimiba yemveliso, impucuko kunye nemo yemigangatho yentlalo yoluntu. Kumazwe aphuhlayo, afana neli loMdibaniso, uphuhlisoculo lwezibonelelo zolwakhiwo lungundoqo kuphuhliso loqoqosho. Ukuze kubekho uphuhliso kufuneka izibonelelo zolwakhiwo esezingeni eliphezulu, iindlela ezihambekayo, izibhedlele ezamkelekileyo, imigaqo yamanzi, umbane ongenamaginxinxi ofumaneka ngalo lonke ixesha, nako konke okunye ukwenzela ukuba uluntu luphile impilo engcono.
Mphathiswa, nhoko, asiwuqinisi umnqwazi isihelegu sokuba imali ejongene nokuphuchulwao lkwemo yamanzi isuke isetyenziselwe uphando lwemo esele isaziwa phaya koorhulumente basekuhlaleni. Umzekelo, zizigidi ezimashumi mabini anomvo kuMasipala wesiThili saseSedibeng eya setyenziswa kuphando.
Singumbutho ogxalaba libanzi lokuthwala iinzingo zeempula zikalujacu zeli ne-Afrika yonke, uKhongolose lowo, siyakwamkela konke okubekwe ngoNongxowa kule Ndlu. Sinethemba lokuba konke oku kuza kuhamba indima ende kuphuhlisoculo lwempilo yoluntu ngokubanzi. Sicela le Ndlu ukuba ilwamkele uluvo lwesebe malunga nayo yonke le miba ibekwe ngaphambili. Ndiyabulela. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa speech follows.) [Ms N N SIBHIDA: What is important in this development is that it must be controlled by organs of the state; it must not be supported with funds from the national coffers. As Eskom is going to build, develop and ensure that electricity is available everywhere, we will not experience the horrible situation that our people do not have electricity at times which are important to them. The ANC supports the idea suggested by the hon Minister in this House, that the fund responsible for infrastructure development must be increased in the various sections.
However, hon Minister, we must state categorically that we, the ANC, are not very pleased because it is not clear whether this amount includes the renovation of existing infrastructure together with that which must still be built and its maintenance - because if we do not maintain it we will have to come back to you and request funds for that purpose.
We welcome the development and increment with regard to the financial support which has gone up by 15,9% in the previous years and which is expected to increase to 20% next year. As we have said, institutions like Eskom, electricity generation, trains and aviation in this country will also greatly benefit from this increment. Economic experts put it clearly that infrastructure development is vital in service delivery, community development in general and the economy.
This is because infrastructure development is wide and includes production, development and the standard of living of the general public. In the developing nations, such as South Africa, the upgrading of infrastructure development is the basis of economic development. In order for development to happen there must be infrastructure development of the highest standard: usable roads, hospitals of acceptable standards, electricity supply that is always available and without any load shedding, as well as everything else in order for the community to experience a better life.
Hon Minister, we do not welcome the horrible situation in which finance was allocated for the purification of water but instead was used for research which the local government had known about. For example, the Sedibeng District Municipality spent R21 million on research.
As the party that shoulders all the problems of the poorest of the poor of this country and Africa at large, the ANC, we welcome everything that the Treasury has tabled in this House. We hope that it will go a long way towards developing the lives of the communities in general. We appeal to this House to accept the view of the department with regard to all the issues that were brought to its attention. Thank you. [Applause.]]