Somlomo, Mkhuluwa, namalungu ahloniphekileyo, ngelaa xesha kwakuzatyalazwa, xa sasifundiswa ngabantu abakhokele umzabalazo, bathi ukuba sixhasa iintshukumo zenkululeko silwela ukuba zekuthethwe ngokukhululekileyo emva kwenkululeko. Kodwa, masiyivume inyani ethi, lo Mthetho, njengokuba ufakiwe kulo nyaka, awufakwanga kuba kusithiwa ukhuseleko lwelizwe lubekwe emngciphekweni, kuloko kukho abantu abaphezulu abathe bakubona ukuba izinto zabo zivela emaphepheni bajika bafuna ukubalekela kwinto yokhuseleko.
Umzekelo, njengokuba sithetha nje, lihlazo into yokuba kuthi xa kuvela ukuba, ngexesha ebeseburhulumenteni, umntu wenze oku noku waza wafumana izimali ngendlela engeyiyo, ubani lowo abaleke ayekusebenzisa gwenxa izixhobo zelizwe, ayekuxakekisa amapolisa, njengoko sibonile kwi-Mail and Guardian.
Sasingawuxhaseli le nto umzabalazo. Ndingomnye wabantu abawulwelayo umzabalazo; andithethi nje kuba andiqengqelekanga okomxoxozi - sayixhasa le nto sithetha ngayo. Ngoko ke i-UDM ithi ayinakho, Mkhuluwa, kodwa ikunika ithuba lokuba ukhe uyise kumanqanaba aphezulu e-ANC, i-NWC ne-NEC, le nto, nikhe niyixoxe nijonge neembono zabantu phandl' apha ukuba zithini na. Musani ukusiphindisela emva. Ngoko ke asinako ukuwuxhasa lo Mthetho oyilwayo. Enkosi. [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa speech follows.)
[Mr B H HOLOMISA: Hon Speaker, sir, hon members, during the struggle the political leaders that gave us political education said if we support liberation movements, we should know that what we are fighting for is to have the freedom of speech after liberation. However, let us agree with the fact that this Bill, as introduced this year, is not being provided to cater for state security which is at stake; instead there are leaders who found their secrets published in newspapers and decided to hide behind the protection.
For example, as we speak, it is a disgrace to discover that when a person was working for the government, he did this and that and financially benefited illegally, misused government resources, and put police under pressure, as we have seen in The Mail and Guardian.
This is not what we fought for during the struggle. I'm one of the people who fought in the struggle. This is not all talk and no action, because I didn't take an easy route to get here; we supported what we are talking about. Therefore, sir, the UDM cannot support this. However, you have an opportunity to take this matter to the higher structures of the ANC, NWC and NEC; discuss it and look at the views of the public. You must not take us back. Therefore, we cannot support this Bill. Thank you. [Applause.]]