Sekela-Somlomo, singumbutho we-UDM siyithathele ingqalelo sikhathazekile ingxelo ye-Central Drug Authority yonyaka ka-2005- 06 njengoko sihlala sifumanisa ukuba ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi notywala kungunobangela wezixholoxholo, ubugebenga neengozi zeendlela. I-CDA isilumkisa ngelithi kufuneka utyalo-mali olukhulu ekucutshweni nasekugonyweni kokuxhomekeka kwabantu kwiziyobisi. Ngokucacileyo, kufuneka kuqwalaselwe umthetho oza kujongana nale nyewe.
Kuqikelelwa ukuba eli lizwe lilahlekelwa zizigidi-gidi zeerandi ngenxa yokusetyenziswa kweenyembezi zikaVitoliya. Ngoko ke, kubalulekile ukuba urhulumente ayinike ingqalelo le nyewe njengenye yemiba efuna ingqwalasela ekhawulezileyo. Oku kuya kusinceda sikwazi ukunqanda imivuka yalo mkhuba unegalelo elikhulu ekutshabalaliseni ikamva loMzantsi Afrika. Ndiyabulela, Sekela-Somlomo. (Translation of isiXhosa member's statement follows.)
[Ms S N SIGCAU (UDM): Deputy Speaker, the UDM takes the report of the Central Drug Authority of 2005-06 very seriously, as it states clearly that drug and alcohol abuse are the causes of violence, crime and road accidents.
To alleviate drug dependency, the CDA advises us to invest more money in the fight against substance abuse. It is estimated that this country loses millions of rand because of alcohol abuse. Clearly, there must be a law which is going to deal with this problem.
Government must take this problem seriously and act against it. This could help us prevent the consequences of this bad behaviour which threatens to destroy the future of South Africa. I thank you, Deputy Speaker.]