Sekela-Somlomo, urhulumente kaKhongolose ebambisene nabemi beli lizwe, uxakekile eqinisekisa ukumiliselwa kwesindululo esamkelwa ngabantu baseMzantsi Afrika kwiminyaka engama-30 eyadlulayo. Abantu beli batsho ngazwinye ukuba imfundo eya kuthi inikwe abantwana babo kuMzantsi Afrika okhululekileyo kuya kufuneka iqinisekise ukuba ulutsha lufundiswa ukuxabisa isizwe, ukuzingca ngenkcubeko, ukuxabisa ubuntu, inkululeko kunye noxolo.
Ukukhawulelana nalo mbono, isebe lezemfundo eNtshona Koloni liza kuqesha abafundisi-ntsapho abangaphaya kwe-1 300. Aba bafundisi-ntsapho baza kutyalwa kulo lonke eli le Ntshona Koloni. Ezona zikolo ziza kuxhamla zezikwiindawo zabantu abahlelelekileyo. Eli nyathelo liza kukhokelela ekuncitshisweni kwamanani abantwana emagumbini okufundela.
Lo mbono ubonakalisa ukuzinikela nokuzimisela kukarhulumente ophetheyo ekwakhweni nasekuziseni ubomi obungcono kubantu bakuthi. Ndiyabulela. (Translation of isiXhosa member's statement follows.)
[Mr M R SONTO (ANC): Deputy Speaker, the ANC-led government, together with the people of this country, is trying to make sure that the resolution adopted by the people of South Africa 30 years ago is implemented. The people of South Africa agreed with one voice that the type of education that would be given to their children in a free South Africa should teach the youth to respect the nation, to be proud of their culture and respect the values of ubuntu, freedom and peace.
In order to support this idea, the Department of Education in the Western Cape will employ more than 1 300 teachers. These teachers will work all over the Western Cape. Underprivileged schools will benefit from this. This step will help to reduce the number of learners in a classroom.
This decision shows the seriousness of the government of the day about improving the lives of our people. I thank you.]