... whether the SABC will request a bailout and/or government guarantee in the near future. If not, what is the position in this regard? If so, what are the relevant details?
IsiXhosa:
Ngoko ke ukuba ubuza ngokuba yimalini na imali eceliweyo, ayisiso esi siNgesi sibhalwe apha, ngokokuqonda kwam isiNgesi. Kuba ke ndisenzela uluntu lonke ukuze lwazi ukuba senza ntoni silisebe ukuncedisana ne-SABC. Njengoko bendiyichazile nayizolo, ezindabeni nasekomitini ukuba sivumelene neSebe lezeZimali ngokuba i-SABC siza kuyincedisa kumyinge ojongene nemiceli mingeni abajongene nayo ngoku bafake isicelo seR2,3 yezigidi zezigidi. Senza njalo.
Ndithetha nje nawe, igosa eliyintloko lolawulo lwe-SABC, umlawuli jikelele wesebe eli ndilikhokeleyo kunye neSebe lezeZimali, ngabo abalungiselela lo mcimbi. Ngamampunge into yokuba kuthiwe silisebe oko sitshona sivela xa kufikwa kulo mcimbi. Ndiyabona ukuba isiNgesi esi