LWAMAPHANDLE: Lungu elihloniphekileyo, umntakwenu ugqiba ukundibuza lo mbuzo ngqo, ndamphendula. Mandikuphendule ke ngesiXhosa sam ndithi: Akukho mthetho okwangoku kungekho kwankqubo ethi abemi bamangaphandle bazakuba nezivumelwano zokuqesha umhlaba hayi ubunini ukuze batyale imali, akukho nto injalo. Umntu ofuna ukutyala imali emhlabeni uyayenza loo nto. Lo mbuzo ke mntakwethu ndiyathemba ukuba sivene ngawo. Ukuba nifuna ukwenza isihlomelo sokuba kubekho umthetho othetha ngqo ngabantu abangengabo abemi beli lizwe mayelana nobunini bomhlaba, loo nto izakwenziwa nini nilelibhunga laMaphondo leSizwe. Enkosi lungu elihloniphekileyo.