Mhlalingaphambili, sithi thina iyasothusa into yokuba kuthi kanye ngeli xesha abantu abangootata base Mzantsi Afrika benesimilo esinesiphene, esinebala likaNtsho ngokuthi babenobundlobongela nodushe kubantu ababhinqileyo. Sifumanisa ukuba amaziko ezemfundo ephakamileyo ezifana neeyunivesithi njengee Fort Hare zibe kanti kwazona njengokuba zifanele ukuba zikhokela uMzantsi Afrika kwimiba efana nomgaqo-nkqubo woluntu wonke njengeengqondi zelizwe kubonakakale ukuba kwazona azinayo imigaqo-nkqubo. Kufuneka abafundi baziqhankqalazele ezi zinto,
balwe ukuze zenzeke endaweni yokuba zona ezi yunivesithi zisikhokhele.
Uyakukhumbula ukuba nakule yunivesithi yalapha eNtshona Koloni kwakunjalo. Kwafuneka ukuba abafundi baqale baqhankqalaze ukuze izinto zenzeke. Iidyunivesithi ezi nezinye iingqondi zimele ukuba zisikhokhele kwimiba yomgaqo-nkqubo woluntu xa sizama ukusombulula iingxaki ezijongene noMzantsi Afrika. Siyabulela.