Kwekhu! Sihlalo ohloniphekileyo, singuKhongolose siva usizi ukubona amaLungu eNdlu yoMgaqo-siseko ephuncukwa leli thamsanqa lokuthatha, luse iinkonzo eluntwini. Yeyiphi eyona nto ibalulekileyo? Kukho isiqalo kuyo yonke into. Uhambo lwe-1000 lwekhilomitha luqala ngonyawo olunye. Injalo ke le nto. Siyacela ukuba amaLungu eNdlu yoMgaqo-siseko ayiqonde loo nto.
Eyona nto iSebe lezoBugcisa neNkcubeko liyibonisayo yeyokuba masilande ubuntu bethu kwaye sizilande ukuba singoobani na. Amalungu ekomiti ayayazi into yokuba ixoxiwe le nto. Into yeelwimi yinto ebekwe phambili. Loo nto ibonisa ukuba iqala apha kwakuthi, isiqu sithethe ulwimi lwaso. UKhongolose uyayikhuthaza into yokuthethwa kweelwimi zethu.
Amathala eencwadi asiwa kuzo zonke iindawo, nalapho kwakungekho mathala eencwadi. UKhongolose uthi siyenze intsomi intetha ethi xa ufuna ukufihla into emntwini ontsundu yibhale encwadini. Siyenza intsomi loo nto ngokusa amathala eencwadi apho angazange asiwe khona ngurhulumente wocalucalulo. Amathambo abantwana beli lizwe azalise ilizwe eli lonke. Inkululeko le ifelwe ngabantwana babanye abantu. Inkululeko le ibhacise abanye abantu baya kwamanye amazwe; babanjiwe abantu, bavalelwa ezintolongweni. Inkululeko le, ayiyonto yokudlala; mayixatyiswe. [Kwaphela ixesha.] [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Ms X S TOM: Oh! Hon Chairperson, as the ANC we are very worried to see Members of the National Assembly losing out on this opportunity of taking services and delivering them to the community. What is it that is more important? Everything has a beginning. A journey of 1 000 kilometres starts with taking the first step. That is how it is. We request Members of the National Assembly to take note of that.
The Department of Arts and Culture requires us to go back to our roots and embrace Ubuntu and to not forget who we are and what we stood for. The committee members know this because we have debated this matter. The use of indigenous languages is very important. What this means is that it all starts with us; everybody must speak his/her language. The ANC encourages the use of all official languages.
Libraries are being made available in all areas, even in areas that did not have them before. The ANC says we have redressed the belief that black people do not read, that "if you want to hide something from a black person, you must write it in a book". We have proven that to be just a myth by providing libraries to places that have always been marginalised by the apartheid government. There are so many people who died and who are buried all over the world. People fought for this freedom. This freedom has been realised at a price, with people having to go into exile; people being detained, kept in jails. This freedom came at a very high price; we must give it the respect it deserves. [Time expired.] [Applause.]]
Vote agreed to (Economic Freedom Front dissenting.]
Business suspended at 13:00 and resumed at 13:36.
Vote 15 - Basic Education - put.
Declarations of vote: