Sihlalo, Sekela Mongameli namalungu ahloniphekileyo onke, umbutho kaKhongolose okhokelwa nguMongameli uJacob Zuma uyayixhasa le Voti yoHlahlo-lwabiwo-mali lokuHlaliswa koLuntu. Into esiqiniseke ngayo kukuba i- ANC iyilwele le nkululeko. Xa ibiyilwela, yalwela nokuba abantu bakwazi ukuthetha izinto abazithandayo. Naba balapha ngaphakathi kule Ndlu bathethe ngolo hlobo bafuna ukuthetha ngalo, belwelwe yi-ANC.
Siyavuma kwakhona ukuba ikomiti yokuhlaliswa koluntu iwujongile lo mba kwaye iyavuya kukuba ama-97% ale Voti yoHlahlo-lwabiwo-mali aya ngqo kwiinkonzo zoluntu. Mphathiswa, sithi hamba uye kwakha izindlu. Abantu bazilindile izindlu eLwandle, eMarikana, eKhayelitsha, eBhayi, eZiphunzana eMonti, eMadelakufa eThembisa. Hamba uye kusebenza. Into esiqiniseke ngayo thina kukuba asisayi kuthenga zindlu zezigidi sithi sakugqiba sizidilize ukuze sakhe ezinye izindlu zezinye izigidi. Into esiyaziyo kukuba siza kwakhela abantu bakuthi izindlu bahambe baye kuhlala kuba besithe sifuna ukubaphucula, siphucule neendlela zokuphila kwabo.
Singumbutho wesizwe sithi iyahamba le nqwelo. Siyaqhuba thina asimanga. Ukuba ufuna ukungayikhweli, kukuwe kaloku, kodwa into esiyaziyo kukuba ukuba uza kutaka uza kuqhawuka umlenze, uqhuwuke ingalo okanye uza kubanjwa phezulu yikhetshi xa uhamba phezu kukaloliwe kuba kaloku siyabaleka. Thina siyasebenza. Ndiyayixhasa iVoti yoHlahlo-lwabiwo-mali. Enkosi. [Kwaphela ixesha.] [Kwaqhwatywa.] (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Ms N N MAFU: Chairperson, Deputy President and hon members, the ANC, led by President Jacob Zuma, supports the Budget Vote on Human Settlements. What we are sure of is that the ANC fought for this freedom. When it fought for freedom, it also fought for the right of people to say what they like. Even the people in this House who say what they like, the ANC fought for them.
Again, the committee on Human Settlements is happy that 97% of the Human Settlements budget will go to community services directly. Minister, we say go and build houses. People are waiting for houses at Lwandle, at Marikana, in Khayelitsha, in Port Elizabeth, at Ziphunzana in East London and at Madelakufa in Thembisa. Go and do the work. What we are sure of is that we are not going to buy houses worth millions of rand, demolish them and then build other houses worth millions more in their place. What we know is that we are going to build houses for our people because we want to improve their lot, as well as their lifestyle.
We say the ANC vehicle is moving full-steam ahead. If you do not want to get on board, it is your choice. But what we know is that if you get off while the vehicle is in motion, you will lose a leg or an arm, or you will be electrocuted if you walk on top of a train because we are moving at full speed. We are working. I support the Budget Vote. Thank you. [Time expired.] [Applause.]]
Vote agreed to (Economic Freedom Fighters dissenting).
Vote No 32 - Mineral Resources - put.
Declarations of vote: