Sihlalo namalungu ahloniphekileyo, mandibhotise. Oko kwathi kwasekwa eli phulo, ubani ushiyeka enengqondo yokuba ngokwenene sisisizwe siyasiguqula isithethe sokuthula xa kukho izenzo zodushe ezijolise ekunyhashweni kwamalungelo abasethyini nabantwana.
Isininzi semibutho yabucala namagorha ayidlalile indima yawo kule mpumelelo. Kwaye kufuneka siyiphawule nento yokuba abezopolitiko nemibutho yezopolitiko nayo ibe nalo igalelo elinamandla nelibonakalayo ekuncediseni ekuqhawuleni umqokozo.
Kananjalo, masazi ukuba ukuguqulwa kwesithethe sokuthula akuthethi ukuba kuza kuguqulwa isimbo sodushe ngophanyazo. Nangaphandle kwamathandabuzo, kufuneka sithathe amanyathelo angqongqo ukuqinisekisa ukuba lo mgama sele siwuhambile siyawandisa, singabuyeli mva. Intsingiselo yoko kukuba amaqumrhu amiselwe ukulwa obu bugebenga ayaphanda kwaye atshutshise ngempumelelo abenzi bobugwenxa.
Ukuba siyoyiswa kukuqinisekisa ukuba abo bangabenzi bobu bugebenga bayazeka futhi bayatshutshiswa ukuze bafumane isohlwayo esibafaneleyo, abo bancedisa ekupopoleni nasekulweni esi simbo baya kuthyafa bangaphinde benze nto. Ngoko ke isithethe sikacwaka siya kubuya ngamandla.
Kubaluleke kakhulu kunangaphambili ukuba iinkonzo zamapolisa neenkundla zabelwe izixa-mali ezibonakalayo kwaye zixhotyiswe ngcono ukuze zikwazi ukuphumeza umsebenzi wazo kuba kaloku okwangoku ziyasilela kakhulu.
Ndiyabulela ngokubaza kwenu iindlebe. Enkosi. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Ms S N SIGCAU: Chairperson and hon members, I greet you. Ever since this initiative has been established, one does realise that we as a nation have shifted from the norm of turning a blind eye when acts of violence are perpetrated against women and children.
The majority of NGOs and some heroes have played a major role towards achieving this victory. We should also acknowledge that politicians and political organisations have played a significant role in breaking the chain of silence.
Be that as it may, breaking the silence does not necessarily mean that the act of violence will miraculously disappear. We have to put in place measures to ensure, without any doubt, that we add on to what we have already achieved, and never turn back. The purpose is thus to ensure that organisations, formed specifically to deal with this crime, do investigate and successfully prosecute these perpetrators.
Organisations that assist in fighting gender-based violence against women and children will be demoralised if we fail to ensure that perpetrators are reported, prosecuted and suitably punished. This will therefore result in the reinstatement of the norm of silence.
It is more important than ever before that the SAPS and the courts are allocated substantial budgets and are capacitated to ensure that necessary services are rendered much more effectively. So far, they fall short in their role.
I thank you for listening. Thank you.]