Chairperson, the school nutrition programme has not been run properly for years in the Eastern Cape. The question arises as to whether or not the Eastern Cape is included in the R265 million appropriated. If it is included, how much is meant for the Eastern Cape, and what monitoring strategies do we have to make sure that the money is used properly? Thank you.
UMPHATHISWA WEZEMFUNDO: Tata, eMpuma Koloni inkqubo yesondlo ezikolweni ihamba kakuhle kakhulu. Siye saba neengxakana ezithile ngaphambili, ngowama- 2007. Kodwa ngoku le nkqubo siyilungisile kwaye ngoku isebenza kakuhle. Oomama bayasebenza kanti nabantwana bayasifumana isondlo. Ndiyavuya kakhulu mna ngale nkqubo.
Umba wemali siza kuwuqwalasela ze sibone ukuba xa kuqwalaselwa onke amaphondo, iphondo ngalinye silinika imali engakanani na. Asikawenzi loo msebenzi, kodwa nephondo leMpuma Koloni liza kuyifumana imalanyana yalo.
Ngokubhekisele kwiinkqubo zesondlo, sinabo abantu abasebenza ngale nkqubo. Njengoko sele nditshilo, sandisa inani labasebenzi bethu kwicandelo lethu le-ofisi kazwelonke nakweyamaphondo.
Sizilungisile iingxakana ebesinazo ebezibangelwa ngabantu ababengenzi umsebenzi wabo kakuhle nangabebesiqhatha. Zonke ezo zinto sizilungisile. Ngoko abantwana bethu baza kufumana ukutya, kanti nephondo leMpuma Koloni liza kuyifumana imali. Ndiyabulela. (Translation of isiXhosa speech follows.)
[The MINISTER OF EDUCATION: Sir, in the Eastern Cape the school nutrition programme is working very well. We were experiencing some challenges before, in 2007. But now we have corrected this programme and it is working well. Women are working and children are getting their food. I am very pleased about this programme.
We will look at the issue of money and see when all provinces are being considered, as to how much money we will allocate to each province. We are not yet done with that work, but even the province of the Eastern Cape will get its portion.
With regard to the nutrition programme, we have people working on it. As I have already said, we are employing more workers in our national and provincial offices.
We have sorted out the small problems we experienced as a result of people who were not doing their work properly and those who were cheating us. All those we have managed to sort out. Therefore, our children are going to get their food, and the province of the Eastern Cape will get money. I thank you.]