Thank you again for that question, MaNgwenya. We are doing everything that we can to make sure that we look after those ...
... abaneNtsholongwane kaGawulayo nabasezintolongweni zethu. Olu phando lwenziweyo lwenzelwe ukuba sikwazi ukubanika uncedo kangangoko sinako. Yiloo nto sisebenzisana kakhulu neSebe lezeMpilo. Siyalibulela kakhulu eli sebe ngokusebenzisana nathi. Lilo elinika imvume yokukhupha amachiza adodobalisa ulwamvila lukaGawulayo, ii-ARV kumaziko ethu, kwaye ikwakula maziko apho kufumaneka khona isondlo.
Kanti ke, MaNgwenya, xa bebonwe ngoogqirha kwaqatshelwa ukuba amajoni omzimba aloo mntu okanye i-CD4 count ngesilungu, sele yehle kakhulu, sinento ekuthiwa kukukhululwa kwamabanjwa ngezizathu zempilo enkenenkene, ekuthiwa yi-medical parole ngamakhumsha, eyenziwa ngoogqirha ababini nabathathu, abathi baxilonge bejonga ukuba loo mntu ukufanele kusini na ukuba agoduswe ngenxa yokuba ubomi bakhe bukwimeko embi. Eso sicelo sibuya size kuMphathiswa, ibe nguye otyikityayo. Sithetha nje, ukhona omnye okule meko oza kukhululwa agoduke aye kunyangelwa ekhaya ngezizathu zempilo ukuze abantu bangaswelekeli entolongweni zingekho izizalwane zabo. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[... who are infected with HIV/Aids in our correctional service centres. This enquiry was made in order to support them as much as possible. It is for that reason that we are working closely with the Department of Health. We express our gratitude to the department for working with us. This is the department which accredited our centres to provide ARVs which suppress HIV/Aids. Support grants are also provided in these centres.
However, MaNgwenya, when their doctors test them and discover that their CD4 counts are very low, we have what is known as medical parole, performed by two or three doctors. They test whether the person deserves to be released due to the state of his or her health. The request is then handed over to the Minister for his signature. There is an inmate, as we speak, who is in this condition and is going to be released for health reasons and be treated at home so that people do not die in correctional centres away from their relatives.]