Kumbuzo wokulandelisa mama, ndingathi kutata u-Goerge, umKhosi wezoKhuselo ngumbutho apho kusebenza umthetho kunye nengqeqhesho. Nto leyo ke ithetha ukuthi xa kukho umthetho nengqeqesho amajoni afundiseka lula izinto ezintsha, ngoba kaloku athobela umthetho ovela ngasentla okanye they always obey the command ngabula makhumsha. Ngoko ke umbuzo wam uthi: yintoni eyenza ukuba kube lula ukuba kulahleke izinto, ngoba imipu iyalahleka, nazo zonke ezinye izinto ngokunjalo. Akukho mntu ukwazi ukuphendula ngezi zinto.
Umbuzo wam ke uthi ulawulo lulahleke xa kuphi. Ngowokuqala ke le tata u- George, owesibini ithi, umba wexesha localucalulo, lokungabikho kweempendulo -ngoba kaloku kwakukwavula-zibhuqe phaya, kungekho unqanda omnye- unegalelo elingakanani kule ngxaki eninayo yokungabikho kweempendulo okanye i-lack of accountability, ngoba nigcine imali eninzi phaya emkhosini, ephantsa ifike kwizigibi zezigi ezingama-90. Okokugqibela, mandithi kukho amasebe ekuthiwa incwadi zabo zime kakuhle xa ziphonongwa - besisiva uSekela Mphathiswa ngoku esithi iBhodi eNcedisa ngenkonzo zoMthetho okanye iincwadi ze-Legal Aid Board zime kakhuhle - ngoko nina anifundi na kwabanye abantu, ngoba thina sakhula kusithiwa, "each one teach one".
Niyithathe loo nto nize nayo apha kumKhosi woKhuselo ukuze sizibone zizintle iincwadi zawo, kwaye namajoni efunde into entle. Ndiyabulela.
USEKELA MPHATHISWA WEZOKHUSELO: Mandivume ukuba emkhosini sisebenza ngolawulo nomthetho kodwa ... (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr S SHICEKA: Madam, in the follow-up question I want to say to the hon George that the Defence Force is a structure where control and discipline is used. That means then it should be easy to teach soldiers new things because they know how to always obey the command. Therefore my question is: What makes stealing easy in that environment of control and discipline because not only guns but also other things get lost as well? No one accounts for them.
My question then is: Where is the control? That is the first one to the hon George. The second one is how much effect does the lack of accountability, which happened during the apartheid times - because accountability during that time was not an issue at all -have on the problem that you have now because you have too much money - close to R90 billion there. Lastly, there are departments that are said to have unqualified audits - we were listening to the Deputy Minister now, saying the Legal Aid Board had unqualified opinions - so are you not learning from other departments because when we were still growing up we were told "each one teach one."
Copy that and come to implement it here so that we can see some improved practices as the Defence Force or the soldiers have adopted best practices. Thank you.