Thank you, Madam Speaker ...
Enkosi Mam' uSonjica ohloniphekileyo ngempendulo yakho ecacileyo, umbuzo wam olandelayo uthi okokuqala, ingaba la malinge -pilot projects ayakuphunyezwa nini na, okwesibini ingaba ixabiso le-liquid petroleum gas okanye iLPG nalo nilijongile na nilisebe, ngoba abantu abaninzi abahluphekileyo abafikeleli kakuhle kula maxabiso nanjengokuba ubusele uthethile ngokufikeleleka kwamaxabiso- affordability. Leyo yenye ingxaki ye- LPG le yala maxabiso.
uMPHATHISWA WEZIMBIWA NAMANDLA: Enkosi lungu elibekekileyo, lo mcimbi wokuphanda ngokusetyenziswa kwale LPG sijonge ukuwuxovula kwi-Summit esiza kuba nayo apha kuSeptemba okokuqala, kodwa siza kuyiqulunqa yonke le nto kunyaka ozayo phambi kokuba kuphele lo nyaka-mali sikuwo. Ngoko ke siza kube sibuyela apha ePalamente size kunika ingxelo yokuba ezo zifundo sizifundileyo zisimisa ndawoni na. Eneneni abantu abahlelelekileyo kunzima kubo ukusebenzisa i-LPG ngenxa yexabiso layo.
Njengoko benditshilo ukuba asinayo irhasi apha eMzantsi Afrika kufuneka ke ukuba siyithathe kwamanye amazwe. Siyithenga kwamanye amazwe, sixabane noMnu Trevor Manuel ngoba kaloku lo nto yenza ukuba ixabiso ezincwadini ngakuthi -balance of payments linyuke size sibe nemali eninzi esiyisebenzisayo ngokuthenga kumazwe aphesheya izinto ezinje ngerhasi.
Lo nto ekugqibeleni iphelela ekubeni mna ndingumthengi kufuneka ukuba ndiyihlawule loo nto. Abantu ke abahlelelekileyo abasebenzisa le rhasi enyanisweni bathi bakujonga iparafini nerhasi bakhethe kwaparafini nangona inobungozi ngoba yeyona nto bakwaziyo ukuyithenga ngemalana abanayo. Ngoko ke eli xabiso le-LPG eneneni liza kuba ngomnye wemibandela esixoxa kakhulu ngayo ukwenzela ukuba sincedisane nabantu abahlelelekileyo ukwenzela ukuba bakwazi ukuyifumana le rhasi. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mrs B TINTO: Thank you, hon Sonjica, for your clear answer. My next question is, firstly, when will the pilot projects be completed? Secondly, has the cost of liquefied petroleum gas, LPG, been considered by the department because many poor people cannot really afford these costs as you have already spoken about affordability, which is another problem with LPG?