Ndiyabulela Somlomo, mhlekazi, ndiza kuzama ukukucenga ukuba usiphendule, ngoba xa singakubuzi imibuzo nathi asisayi kuyifumana imivuzo yethu ukuphela kwenyanga. Ngoko ke, ndicela ukuba usinyamezele. Ingxaki ke, mhlekazi, iqale emveni kokuba kuvele ingxelo yokuba lo kaMdluli ... (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[Mr B H HOLOMISA: Thank you, Speaker. Hon President, I will try to persuade you so that you reply, because if we do not ask you questions, we shall not get our salaries at the end of the month. Therefore, I am pleading with you to be patient with us. Hon President, the problem started after the report about Mr Mdluli surfaced, claiming that he ...]
... submitted a report to your office implicating some of your colleagues - Minister Tokyo Sexwale and the suspended Police Commissioner Bheki Cele - on an alleged plot to overthrow your government. If these allegations are untrue, has your office taken steps to clear the names of the people concerned and have you taken any disciplinary action against this alarmist in the event that he misled your office? If ...
... zange udibane naloo ngxelo babe abantu abathethela i-ofisi yakho besithi uMongameli uyifundile le ngxelo uye wayigcina, kodwa khange athabathe nxaxheba - uTokyo Sexwale kwintetho yakhe yasesidlangalaleni wathetha ngale nto - khawusicacisele ngayo. Asilwanga nawe, sonke sakha eli lizwe. (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[... you never received that report, whereas the representatives from your office acknowledge that the hon President received, read and kept it, but did not take any action - even Tokyo Sexwale referred to this matter in his public statement - please explain this to us. We are not fighting with you; we are all trying to build this country.]