I'm not going to go through the details of the outcomes, but I'm only going to mention topics: quality basic education; a long and healthy life for all South Africans; safety for all people in South Africa; decent employment through inclusive growth; and vibrant, equitable, sustainable rural communities contributing towards food security.
I have good answers for the DA again, concerning the SA Social Security Agency, Sassa, and I want to say this in my own language, of which I am proud, isiXhosa.
Ndifuna ukuba nibe nombono kamakhulu wam uMaMntande endakhula phantsi kwakhe esamkela iiponti ezi-2,10 ngekota. Wayendithuma evenkileni, kwakusekho iswekile yetiki ngoko, athi ndiye kuthenga iswekile yetiki. Aba mama naba bantu balapha bafunde njalo. Abayazi ke aba intlupheko. Wayendithuma ukuba ndiye kuthenga iswekile yetiki neti yetiki. Kwakuphambi kuka-1994 ngoko. Ngoku u-Sassa uzama ukukhawulelana nale ndlala, ebekwe liSebe loPhuhliso lwezeNtlalo.
Kukho nesigama sesiXhosa esenziwa yintlupheko eseza negama lomcuku. Asoze uve kukhalwa ngomcuku ngoku. Aba bantwana bethu abawazi umcuku. Kukho negxogxa, abantu baza kukuxelela ukuba yintoni igxogxa, kuba sasingavunyelwa ukuba sisele iti, kwakufuneka silinde abantu abadala bagqibe ukuphunga ze sifumane nathi emveni koko. Le ngxowana inamagqabi eti ingahlala iveki kuman' kusenziwa iti ngayo. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[I want you to imagine my grandmother, MaMntande, who raised me earning E2,10 per quarter. She used to send me to the shop. There was a packet of sugar which cost a tickey then, and she used to say I must go and buy it. The women and people who are here went through their studies that way. These don't know poverty. She used to send me to buy sugar and tea worth a tickey. That was before 1994. Now, Sassa is trying to combat this poverty, authorised by the Department of Social Development.
There is also isiXhosa terminology which was coined because of poverty and that term is "umcuku", a crumbly mealie meal with "amarhewu", a thick drink made of maize meal. You will never hear anyone now still talking about umcuku. Our children do not know umcuku. There was also "igxogxa", tea brewed from used tea leaves or a teabag, and people will tell you what igxogxa is. Because we were not allowed to drink tea, we had to wait for the elders to finish drinking their tea and then we could brew it afterwards. This single tea bag could be kept going for a week to brew tea from.]
You don't know that, so I want to tell you that. I-Sassa eKhayelitsha ine-ofisi enye kwaye isebenzisa amaholo. Ngamanye amaxesha amaholo akalulingenanga uluntu lwaseKhayelitsha, kuba luninzi. [In Khayelitsha, Sassa has only one office and it also uses community halls. Sometimes the community halls are not big enough for the community of Khayelitsha, because it is a large community.]
I want to remind them that those laws - the Group Areas Act ...
... yiyo le ibangela le migca mide ibuzwa nguKopane. [Uwelewele.] Yiyo loo nto kukho imigca emide eKhayelitsha. Kungenxa yokuba saya kulahlwa emalandalahla yi-Group Areas Act. Namhlanje abayazi into yokuba ... (Translation of isiXhosa paragraph follows.)
[... are responsible for the long queues that hon Kopane is asking about. [Interjections.] That is why there are long queues in Khayelitsha. It is because we were placed far away by the Group Areas Act. Today they do not know that ...]