Thank you very much. Tat' uNdlovu, andikholelwa nakancinane ukuba into yokubaleka kwamabanjwa kumaziko ibangelwa yinto yokungabikho kwabasebenzi aboneleyo. Ewe, ikhona ingxaki esinayo yokungabikho kwabasebenzi abaneleyo kwiZiko lezoLuleko, kwaye nokuba singafaka inkqubo yamaxesha okungena amathathu, amane okanye amathandathu siyakuhlala sinayo ingxaki yabasebenzi kwisebe. Njengoko besenditshilo ngaphambili ukuba iNational Treasury sele isixelele ukuba kufanele ukuba sithoba ukusuka kuma-46 000 amasentile ukuya kuma- 40 000. Khawube nombono woko kuza kwenzeka ngenxa yaloo nto.
Into ebalulekileyo yeyokuba sibe neenkqubo ezifanelekileyo ezizakusincedisa ekubekeni iliso kakuhle, ngaphandle kokuxhomekeka kuthi bantu. Kufanele ukuba sibe neenkqubo eziza kuthi zikwazi ukusibonisa amabanjwa xa ehamba- hamba, kanti naxa ebaleka.
Ingxaki esinayo ikakhulu yeyokuba, iinkqubo esinazo apha kwiZiko lezoLuleko azisebenzi ngendlela ezifanele ukuba zisebenze ngayo. Kufuneka siphucule iinkqubo zethu sizidibanise nabo.
Ikhona enye ingxaki eyaziwa ndim nawe yokuba ngamaphuth' ahlathinye apho abasebenzi bamaZiko ezoLuleko anceda amabanjwa ukuze akwazi ukubaleka. Yenye yezinto ezi ekufanele ukuba sizilungise kwiZiko lezoLuleko.
Abasebenzi beSebe lezoLuleko abazange benziwa uhlolo lwabaqeshwa ukuqinisekisa ukuba ababandakanyeki kulwaphulomthetho. Ngoku enye yeengxaki esijongene nazo kukuhlolwa kwabalawuli ukuqinisekisa ukuba ababandakanyeki kulwaphulomthetho.
Ukusuka kwethu kuhlolo lwabalawuli kwizenzo zolwaphulomthetho siza kuhla siye kumaziko. Sesiqalile ngabalawuli abazintloko zamaziko, kuba oku kokunye kwemimngeni yethu emikhulu. Umngeni ngowokuba likhona eli yelenqe phakathi kwamabanjwa kunye nabasebenzi bamaZiko oluLeko. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr Ndlovu, I don't believe at all that the escapes of prisoners from the centres are caused by a lack of human resources. Indeed, we have inadequate human resources at correctional centres and whether we introduce a three-, four- or six-shift system, we will always have the problem of inadequate human resources within the department.
As I have indicated before, the National Treasury wants us to reduce the organisational establishment from 46 000 to 40 000 warders. Imagine the consequences of that.
What is important is that we must have proper systems that will help us monitor without relying on human resources. We must have systems that will be able to show us prisoners moving from place to place and also when they escape. The major problem that we have is that the systems that we have at correctional centres are not working the way they are supposed to. We must improve our systems and consolidate them.
There is another problem that we both know about and that is that some of the warders are colluding with the prisoners to escape. This is one of the habits that we need to rectify at correctional centres.
Workers at the Department of Correctional Services have never gone through a security clearance to ascertain that they are not involved in crime. Another problem that we have now is the security screening of the managers to ascertain that they too are not involved in crime.
From screening managers for criminal acts, we will go down to the centres. We have already started with the chief executive officers because this is one of our major challenges. The challenge is that there is collusion between the prisoners and the warders.]