Sihlalo, namalungu onke abekekileyo mandibulele kakhulu kuMphathiswa wesizwe ngempendulo, kodwa ukuze umnqwazi wam uqine ndinga ndingabeka ngolu hlobo Mphathiswa. Inkqubo yolawulo yobukhosi beli lizwe yadlakazeliswa kakhulu ngamakoloniyali ukufika kwawo apha e-Afrika, ingakumbi oorhulumente bengcinezelo, ethe ke i-ANC eyakhiwa ngamakhosi, yabona ukuba makuliwe naloo ngcinezelo ukuze nolawulo lwasebukhosini lufumane indawo kwinkululeko yabantu boMzantsi Afrika.
Nantsi ke imibuzo endicinga ukuba ungakhe uphinde unabe kuyo ukuze uqine umnqwazi. Okokuqala, njengokuba usitsho ukuba uMthetho sawupasisa apha ngowama-2003, kutheni ingathi le nguqu ngoku iyacotha, ihamba ngonyawo lonwabu nje? Okwesibini, ukuqeqeshwa kwabantwana begazi, iikumkani neenkosi kunye namaphakathi azo - ooceba ukutsho oko - ingaba iGunya-bantu leCandelo leMfundo noQeqesho lorhulumente wasekhaya liyayazi na inkqubo yolawulo lwakwantu okanye i-Traditional System of Governance ngabula makhumsha, ukuze kaloku bangafundiswa laa nkqubo bangayaziyo yaseNtshona? Okwesithathu nokokugqibela, phaya eMpuma Koloni siyabulela ukuba urhulumente we-ANC enze kakuhle kangaka kumaphondo aliqela eMzantsi Afrika ukuba la mabhunga obukhosi anikwe inkxaso ngonyaka. Apho bendithunywe khona yi-ANC akukho nesenti emdaka ethe yafunyanwa. Ingaba ke iMpuma Koloni yenze ntoni na yona yodwa?
MPHATHISWA WORHULUMENTE WOBAMBISWANO KUNYE NEMICIMBI YEZEMVELI: Nkosi Nonkonyana, mandibulele ndisithi nam ndivumelana nawe kwinto yokuba ukuhlonitsha kwamakhosi, isidima nesithozela sawo asikho ngendlela ekufuneka sibe yiyo. Yinto ke leyo esizama ukuba siyilungise ukwenzela ukuba amakhosi ahlonitshwe, abe nendawo yawo njengabantu bomthonyama. Enye ke into, kumba wokuba senza njani ukuya phambili kwicala lokuba baqeqeshwe aba bantu nokuba iGunya-bantu leCandelo leMfundo noQeqesho liyazazi na ezi zinto, mandithi ewe, kodwa ke akuthi ncakasana. Sifuna ukulincedisa ngoba iindlela zethu zokwenza izinto ngokwesintu zaye zacinezelwa zabulawa ngamakoloniyali. Ngolu hlobo sithi ke ngoku mazibuyele emakhaya ukwenzela ukuba sikwazi ukwenza izinto zethu zesintu ngendlela yethu size sihlonipheke nathi, kwaye ungazifihli xa usenza izinto ngendlela yesintu. Mandiqukumbele ke ngelithi, kwicala lokuba amaphondo ayakwazi ukuxhasa amakhosi nezindlu zawo kusini na, ewe ndivumelana nawe ukuba eMpuma Koloni ikho ingxaki, nento yokuba kwenzeke inguqu ihamba kade. Ngolo hlobo ke nenkxaso ayifumaneki kakuhle. Zizinto esizihlengahlengisayo ke ezo esiza kuzilungisa. Siza kuqinisekisa ukuba lo nyaka uzayo uyakuphela zonke izinto zihamba kakuhle kwicala lobukhosi. Ndiyabulela. (Translation of isiXhosa paragraphs follows.)
[Mr M NONKONYANA: Chairperson and all hon members, let me thank the hon Minister for the response, but in order for me to be satisfied, hon Minister, I would phrase my question this way. The programme of traditional governance in this country was annihilated through subjugation by the colonial government when they arrived in Africa, especially the apartheid regime. The ANC, which was founded by traditional leaders, decided to fight against that oppression so that traditional governance can also have a place in the freedom of South Africans.
Here are the questions on which you could elaborate in order to be convincing. Firstly, as you have mentioned, the Act was promulgated in 2003. Why is the transformation seemingly very slow, moving at a snail's pace? Secondly, with regard to the training of traditional leaders, kings, chiefs and their counsels - councillors in this case - does the local government Seta know the traditional system of governance, as the learned people would put it, so that people are not taught a Western programme that is not known to them? Finally, as the Eastern Cape we commend the ANC-led government for doing well in various provinces in South Africa in that the councils for traditional leaders receive funds that are annually appropriated for them. Where the ANC sent me, not even a cent was received. What has the Eastern Cape done to be singled out?